Imithetho Yendlela

Iiflegi Zesilumkiso Nokuqhuba Kwiindlela Ezahlulweyo

Iiflegi Zesilumkiso / Izibonakalisi

Apho nawuphi na umthwalo uphuma ngaphezu kweemilimitha ezili-150 ngasecaleni, okanye ngaphezu kweemilimitha ezingama-300 ngasemva, kufuneka uphawulwe nge,

  • flegi ebomvu okanye iiflegi (300mm x 300mm) emini, kwaye
  • izibonakalisi ebusuku, okanye
  • nalo naliphi na elinye ixesha xa abantu neemoto bengabonakali ngokucacileyo ngenxa yeemeko ezingekho ntle. Izibonakalisi ezimhlophe ngaphambili nezibonakalisi ezibomvu ngasemva.

Ukuqhuba Kwindlela Kawonke-wonke Eyahlulweyo

Nanini na xa indlela kawonke-wonke yahlulwe yaziindlela ezimbini okanye ngaphezulu, akukho mntu unokuqhuba/akhwele imoto kuloo ndlela kawonke-wonke ngaphandle kwendlela esekhohlo, ngaphandle kokuba uyalelwe okanye uvunyelwe luphawu lwetrafikhi yendlela olufanelekileyo okanye ligosa letrafikhi ukuba asebenzise enye indlela.

Ukuqhuba Kwicala Lasekhohlo Lendlela

Nawuphi na umntu oqhuba imoto kwindlela kawonke-wonke kufuneka aqhube kwicala lasekhohlo lendlela kwaye, apho indlela ibanzi ngokwaneleyo, ngendlela yokuba angangeneleli kwisiqingatha sendlela esingasekunene kwakhe.

Ngaphandle kokuba ukungenelela okunjalo kuvumelekile -

  • apho kunokwenziwa ngaphandle kokuvingcela okanye ukubeka esichengeni enye itrafikhi, okanye
  • ngokuthobela umyalelo wegosa letrafikhi okanye uphawu lwetrafikhi yendlela.

Xa uqaphela enye itrafikhi ehamba kwicala elinye kwaye efuna ukugqitha imoto yakho -

  • qhuba ukufuphi kangangoko kumphetho wasekhohlo wendlela, ngaphandle kokuzibeka esichengeni, enye itrafikhi okanye izinto, kwaye
  • musa ukonyusa isantya semoto yakho de enye imoto igqithe.

Xa usele uza kudlula itrafikhi ezayo ngakuwe, umqhubi wemoto kufuneka aqinisekise ukuba imoto yakhe ayingeneleli kwindlela engasekunene kwakhe ngendlela enokuvingcela okanye ukubeka esichengeni loo trafikhi izayo.

Umqhubi wemoto ofuna ukugqitha ibhasi emileyo kufuneka enze njalo ngenkathalo kukhuseleko lwabantu abasondelayo okanye abemkayo okanye abanokusondela okanye bemke kuloo bhasi.