Imigca Yokunganqumli
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela enetrafikhi yamacala amabini.
Injongo: Ukukwazisa ukuba awunakuwunqumla lo mgca.
Okufuneka kwenziwe: Akukho meko apho unokuqhuba ngasekunene okanye unqumle le migca nganayiphi na inxalenye yemoto yakho, ngaphandle kokujikeleza imoto emileyo okanye isithintelo esimileyo endleleni.
Umgca Wokukhokela
Apho lumiselwe khona: Kwiindlela zeemoto nakwiziphambuka apho itrafikhi ihamba kwicala elinye.
Injongo: Ukukwalela ukuba uwunqumle umgca.
Okufuneka kwenziwe: Qhuba ngendlela yokuba akukho nxalenye yemoto yakho enqumla umgca.
Umgca Womphetho Wasekhohlo Nowasekunene
Apho lumiselwe khona: Kumphetho wasekhohlo nowasekunene wendlela.
Injongo: Ukubonisa apho umphetho wasekhohlo okanye wasekunene wendlela ukhoyo.
Okufuneka kwenziwe: Phepha ukuqhuba ngasekhohlo komgca womphetho wasekhohlo. Ungaqhuba apha kuphela,
• ngelixa ugqithwa yenye imoto,
• ukuba unokwenza njalo ngaphandle kokuzibeka esichengeni, enye itrafikhi, abahambi ngeenyawo okanye izinto,
• emini kwaye
• ukuba abantu neemoto endleleni babonakala ngokucacileyo kumgama ongephantsi kweemitha ezili-150.
Akunyanzelekanga ukuba uqhube ngasekhohlo komgca xa ugqithwa, khumbula ukuba unendawo encinci kakhulu xa usenza njalo.
Ukuba imoto yakho iyaphuka, yima kude kangangoko ngasekhohlo komgca uze uvule izibane zakho zengxakeko.
Umgca womphetho wasekunene uhlala ufumaneka kwiindlela zecala elinye njengeendlela eziphindwe kabini okanye oohola bendlela kwaye awunakunqunyulwa.
Pass