Imigca Yendlela

Iziqithi Ezipeyintiweyo & Imigca Yeendawo Zokupaka

Isiqithi Esipeyintiweyo

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.

Injongo: Ukwalela abaqhubi ukuba baqhube kule ndawo.

Okufuneka kwenziwe: Qhuba ngendlela yokuba ungemi, ungapaki okanye ungaqhubi phezu kwesiqithi, ngaphandle kokuba uyalelwe ligosa letrafikhi okanye lipolisa, ukuphepha ukungqubana okanye kwimeko yengxakeko.

ilayisensi yomfundi

Indawo Yokupaka

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela ingakumbi ezidolophini.

Injongo: Ukubonisa apho unokupaka khona.

Okufuneka kwenziwe: Qinisekisa ukuba imoto yakho ipakwe ngokupheleleyo ngaphakathi kwemigca ephawula indawo yokupaka.

Kwimeko yokupaka ngekona kufuneka upake kude kangangoko endleleni, ngaphambili kwemoto yakho kungekho kude ngaphezu kwe-150mm kumphetho kodwa akukho nxalenye yemoto enokuba phezu okanye ngaphezu kwendlela yabahambi ngeenyawo.

ilayisensi yomfundi

Indawo Yokupaka Ekhethekileyo

Apho lumiselwe khona: Kwiindawo zokupaka.

Injongo: Ukuchonga indawo yokupaka yabasebenzisi bendlela abachongwe luphawu kuphela.

Okufuneka kwenziwe: Ukuba awuyonxalenye yeqela elichongwe luphawu, awunakupaka apha.

Kwimeko yengxakeko ungama okanye upake kuphawu olubonisa ifowuni ye-SOS.

Zizimoto zempahla kuphela ezinokuma okanye zipake kwindawo ephawuliweyo ebonisa indawo yokulayisha.

ilayisensi yomfundi Indawo Yokupaka Ekhethekileyo (umzobo wesibini)
  • A - I-AMBULENSI
  • B - IBHASI
  • L - INDAWO YOKULAYISHA
  • T - ITEKSI
  • F - UKUCIMA UMLILO
  • R - IRIKSHO
  • CD - EZOZAKUZO
  • MB - IMINIBHASI
  • SOS - IFOWUNI YE-SOS
  • D - UMKHOSI WOKHUSELO
  • P - INKONZO YAMAPOLISA YOMZANTSI AFRIKA