Imigca Yomzila Weebhayisekile
Apho lumiselwe khona: Kwicala lasekhohlo laso nasiphi na isitalato.
Injongo: Ukubonisa imida apho kuhamba kuphela abakhweli beebhayisekile.
Okufuneka kwenziwe: Musa ukuqhuba kwindawo ephawuliweyo.
Iintolo Ezinyanzelekileyo Zesangqa Sendlela
Apho lumiselwe khona: Kwizangqa zendlela nakwizangqa ezincinci.
Injongo: Ukubonisa icala ekufuneka ulilandele ujikeleza isangqa okanye isangqa esincinci.
Okufuneka kwenziwe: Qhuba ujikeleza isangqa kuphela kwicala eliboniswe ziintolo. Vumela itrafikhi evela ngasekunene kwakho. Kwisangqa esincinci vumela itrafikhi efika kumgca wayo wokuvumela kuqala phambi kokuba ufike kowakho. Qhuba kancane ukuze ukwazi ukuma ukuba umntu akavumeli.
Isiwelo Sololiwe Phambili - Imigca Yesilumkiso
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela phambi kweziwelo zololiwe phakathi kophawu lwesilumkiso nesiwelo sololiwe.
Injongo: Ukulumkisa ukuba kukho isiwelo sololiwe phambili.
Okufuneka kwenziwe: Cotha kwaye ukuba kuyimfuneko, yima phambi kwesiwelo.
Imigca Yokuqhubeka
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukukulumkisa ukuba kukho isiqhekeko (isiphambuka okanye indlela yokuphuma) kwinxalenye eqhubekayo yendlela nokukwazisa ukuba ukuba ukumzila onomgca kwelinye icala, loo mzila uza kuphuma kwindlela ohamba kuyo ngoku kungekudala.
Okufuneka kwenziwe: Vumela nayiphi na itrafikhi efuna ukutshintsha imizila. Imigca yokuqhubeka iza kutshintsha kungekudala ibe ngumgca wokukhokela okanye isiqithi esipeyintiweyo, into eya kwenza kungabi semthethweni ukutshintsha icala. Jonga indawo yakho engabonakaliyo uqinisekise ukuba akukho zinye iimoto ezinokungena phambi kwakho.
Pass