Iimpawu Ezilawulayo

Iimpawu Ezilawulayo: Izibane Zetrafikhi

Izibane Zetrafikhi

Apho lumiselwe khona: Apho ubuninzi betrafikhi bunokulawulwa ngcono zizibane zetrafikhi kwiziphambuka, kwiindibano, kwiziwelo zabahambi ngeenyawo, njl.njl.

Injongo: Ukulawula itrafikhi evela kumacala ahlukeneyo.

Okufuneka kwenziwe: Ezi zibane kufuneka zithotyelwe ngamaxesha onke ngale ndlela ilandelayo:

Isibane Esibomvu Sikhanyisiwe

Cotha uze umise imoto ngokupheleleyo. Ingaphambili yemoto kufuneka ibe ngasemva ngqo komgca wokuma opeyintwe endleleni.

Isibane Esibomvu Sikhanyisiwe

Isibane Esityheli (Esingqombela) Sikhanyisiwe

Cotha uze umise imoto ngokupheleleyo. Ingaphambili yemoto kufuneka ibe ngasemva ngqo komgca wetrafikhi opeyintwe endleleni.

Isibane Esityheli (Esingqombela) Sikhanyisiwe

Isibane Esiluhlaza Sikhanyisiwe

Ungaqhubeka (ukuba kukhuselekile) ungaqhubeka uqhuba. Kumarobhothi jonga abahambi ngeenyawo neemoto.

Isibane Esiluhlaza Sikhanyisiwe

Utolo Olutyheli Lukhanyisiwe

Misa imoto yakho ngasemva komgca wokuma ukuba ufuna ukujikela kwicala eliboniswa lutolo. Qhubeka kuphela xa utolo oluhlaza lubhenyeza.

Utolo Olutyheli Lukhanyisiwe

Utolo Olubomvu Olubhenyezayo

Utolo olubomvu olubhenyezayo lujonge ekhohlo- Emva kokuma, umqhubi unokujika ukuba akukho trafikhi. Khumbula ukuvumela itrafikhi yabahambi ngeenyawo netrafikhi ezayo efuna ukujikela ekunene, netrafikhi evela ngasekunene edlula kwisiphambuka.

Utolo Olubomvu Olubhenyezayo

Utolo Oluhlaza Olubhenyezayo/Olumileyo

Iintolo ezuhlaza ezibhenyezayo - Ilungelo lokudlula kwicala lotolo olubhenyezayo.

Utolo oluhlaza olumileyo - Lubonisa icala ekufuneka itrafikhi ihambe ngalo, umzekelo kwizitalato zecala elinye.

Utolo Oluhlaza Olubhenyezayo/Olumileyo

Isibane Sendoda Ebomvu Sikhanyisiwe

Abahambi ngeenyawo abavumelekanga ukunqumla indlela xa le ndoda ikhanyisiwe. Kufuneka balinde indoda eluhlaza phambi kokuba baqhubeke.

Isibane Sendoda Ebomvu Sikhanyisiwe

Isibane Sendoda Eluhlaza Sikhanyisiwe

Indoda eluhlaza ekhanyisiweyo inika abahambi ngeenyawo ilungelo lokudlula ukunqumla indlela.

Isibane Sendoda Eluhlaza Sikhanyisiwe